











Tyelela  kwiphondo elisembindini...

Khawufan' ucinge ngendowo ekusalawula ucwangco nenzolo kuyo, apho uva umoya opholileyo okuvuselelayo, apho ukuhamba phantsi kwesibhaka-bhaka esineenkwenkwezi nenyanga kukukhumbuza iimini zamandulo. Khawucinge ngokutyelela  iPhondo eFreyistata .

Njengoko iFreyistata ingqongwe ngamaphondo aliqela aseMzantsi-Afrika, ilelona lisembindini welizwe. Abatyeleli nabahlali bayulithanda eli phondo linomhlaba omhle nobuntu abahle.

Kwenziwa iinguqu kwizakhiwo nakwizinto ezingqongileyo kodwa inye into engaguqukiyo eFreyistata , abantu bakhona. Ukulawulwa koMzantsi-Afrika ngenkqubo yedemokhrasi kuphelise ucinezelo' localu- calulo', yaye kuveze ubuhle beli phondo.
Izithethe zaseAfrika akugqibeli ngokuthethwa ngazo, koko uyabubona ubuhle bazo xa zisenziwa. Ukususela ezixekweni kuse ezi lokishini apho ubona izirhoxo ezihle. Iphondo laseFreyistata lihle gqitha. Kuyaqala ukubu umenywe ngumntu wonke weli phondo ukuba utyelele kulo.

'Kgotso' - siyakubulisa ngoxolo.' Tlo Bone'
- siyokumema ukubo uzubona ubuhle beFreyistata .

Ukuze ufumane ezinye iinkcukacha ngamaziko ali-11 agcina izilwanyana zasendle, iindawo eziliqela zabatyeleli, iindawo zokuchitha iiholide , iintaba onokunyuka kuzo, njolo -njalo... nceda uqhagamshelane neFree State Tourism Board , PO Box 3515, 
Bloemfontein , 9300. inombolo yomnxebo ithi 051-447 1362.








UGQIRHA Sipho

LIKHULISWA NJANI ILUNGU
LOBUDODA

Ndingumfana onama-20 eminyaka onengxaki yokuba nelungu lobudoda elincinci. Ndifuna ukusebenzisa isikhulisi kodwa endifuna ukukwazi kukuba - kungaba kuyingozi na oko?
Andifuni kuyibeka esichengeni impilo yam ngezinto endingenalwazi lubheke phi ngazo. Nceda undicebise. NguJ., eKapa .
 
Buyashiyana ubukhulu belungu lobudoda kodwa ngethamsanqa oku akuyidodobalisi indlela yokulisebenzisa. Utyando luyenziwa kodwa luyatyabula ngasemalini kwaye aluyondlwan' iyanetha.

MAKANYANGWE NAMAQABANE OMNTU ONESIFO ESISULELWA
NGESONDO
Ndosulelwa sisifo sesondo esibizwa nge-drops ndanyangwa ngugqirha.
Kodwa andikaziva mnandi kwaye ndiyaqaqanjelwa kwilungu lam langasese. Ndikwarhawuzelelwa emakhwapheni. Ngaba mhlawumbi
akandinyanganga ngokwaneleyo ugqirha?
NguX.P., eGauteng .

Kubalulekile ukusichana nokusinyanga ngokugqibeleleyo isifo esisulelwe ngesondo. Ukuvuza (okanye I'drops' ) inokudala ubudlolo xa inganyangisiswanga. Kubalulekile ke ngoko ukuba iqabane eliba nendibano yesondo linyangwe kungenjalo linokuphindwa losulelwe  xa libe nenye indibano.

ANDINAMDLA WASONDO
Ndilinenekazi elinama-25 eminyaka ubudala kwaye ingxaki yam kukuba andiyiva xa ingena incindi yobudoda xa ndinendibano yesondo nendincuma naye. Kwakhona andiva nto kwaye kundixhalabisa kakhulu oko. Ngaba oku kubangelwa kukuba ndisandul' ukuzala?
NguE.L., eVirginia .

Kuqhelekile ukuba inenekazi lingavakalelwa kuyaphi kwindibano ngesondo emveni kokubeleka. Ngethamsanqa oku kuthabatha iivekana
ukuya kwiinyangana. Ikwasesinye sezizathu  ezibangela ukuba indibano yesondo ilungiselelwe umtshato. Utata womntwana uye ayamkele imeko enjalo.

NDIKHATHAZEKILE
EMPHEFUMLWENI
Ndineminyaka engama-25 kwaye ndililolo. Oko ndiye ndaswelekelwa ngumfana obesisithandwa sam kunyaka ophelileyo, ndiwuthile kuba andityi. Ndisoloko ndicinga ngaye.
Undishiye ndedwa nomntwana omnye.Ndingenza ntoni ukuphelisa olu dakumbo.
NguM.S.S., ePitoli .

Kubuhlungu ukulahlekelwa ngumntu obumthanda kwaye ngelishwa akukho yeza liphelisa loo ntlungu. Ekuhambeni kwexesha kuza kuba bhetele . Zigcine kukko into oyenzayo ukuze ungasoloko ucinga. Ungacingi ukuba ushiyeke wedwa
- unomntwana okuthandayo nokufunayo kwaye nanjengoko exhomekeke kuzole kuphela ngoku kubalulekile ukuzigcina usempilweni ngokutya ukutya okufaneleyo.










Zenzele UMHLOBO

UALBERT KADI unama-33 eminyaka, uthanda ukubhalelwa ngamanenekazi aneminyaka ephakathi kwama-25 nama-33. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo, ukuya ecaweni nokubukela TV . Mbhaleleni ngesiPedi okanye isiNgesi nize nifake ifoto kwileta . Idilesi yakhe ithi PO Box 1443, Bochum , 0790.

UERIC PHETLA unama-34 eminyaka, akakatshati, uthanda ukubhalelwa ngamanenekazi azimisele ukutshata aneminyaka ephakathi kwama-25 nama-30. Abatshayayo nabaselayo bangazikhathazi. Uthanda ukuqamba nokucula umculo wokholo. Khanimbhalele ngesiPedi, IsiSuthu okanye IsiZulu. Idilesi yakhe ithi PO  Box 3141, Witbank ,1035.

UFLORENCE CHIDOTHI
uligqiyazana eline-16 leminyaka elingathanda ukubhalelwa ngabantu baseMzantsi Afrika, eKenya, Zaire , eZimbabwe, eNgilani, eZambia , eBotswana naseBrithani . Uthanda ukubukela ividiyo , ukuncokola, ukuqubha nokufunda incwadi zamabali ahlekisayo. Idilesi yakhe ithi c/o Mr Chidothi, CID Office , P/Bag 305, Lilongwe, Malaei .

UNATHANIEL M. MOEKETSI
unama-24 eminyaka, uthanda ukuba nabahlobo eMzantsi Afrika. Uthanda ukucula nokuphulaphula umculo. Incwadi mazibhalwe ngesiPedi, isiTswana, isiNgesi isiBhulu okanye isiZulu. Idilesi yakhe ithi PO Box l1660, Pietermaritzburg , 3206.

ULAWRENCE MAQENA unama-36 eminyaka, uthanda ukuzenzela umhlobo namanenekazi aneminyaka ephakathi kwama-21 nama-36 abakumazwe aseAfrika. Uthanda ukudlala lnetball, ibhola ekhatywayo nokukhenketha. Akatshayi, engaseli. Uya kuphendula incwadi ezifoto . Idilesi yakhe ithi PO Box 109, Redan, 1931, South Africa


UT.K. MABENA, unama-29 eminyaka, linenekazi elingathanda ukuzenzela umhlobo nabafo abaneminyaka ephakathi  kwama-34 nama-38 aneenjongo zokutshata.
Uthanda ukuphulaphula umculo wokholo, ukufunda iimagazini nokuya ecaweni. Abaselayo nabatshayayo bangazikhathazi. Khanifake ifoto kwiincwadi zokuqala. Idilesi yakhe nantsi: PO Box 8055, Lichetenburg , 2740.


UMOHUBA MOHLALEPELE NKADIMENG unama-26 eminyaka uthanda ukubhalelana namadoda aneminyaka ephakathi kwama-30 nama-40. Uthanda ukuphulaphula umculo, ukubukela ITV , ukudlala ibhola ekhatywayo nokukhenketha, lingedle zecuba nabaselayo bangazikhathazi. Iincwadi mazibhalwe ngesiPedi, ngaphakathi nithi khatha ifoto. Idilesi yakhe ithi PO Box 1898, Dennilton , 1030.

UJOHN KAHUADI unama-23 eminyaka uthanda ukubhalelwa ngabantu abamthandayo uThixo. Uzonwabisa ngomculo wokholo, ukuzenzela abahlobo, ukushumayela, ukufunda iBhayibhile . ukuya etyalikeni, ukukhalisa ikatala , ukucula, ukunyawuza Ibhayisekile , ukukhenketha nokunkampisha.
Khanimbhalele ngesiNgesi okanye isiBhulu, Idilesi yakhe nantsi: PO Box 502885, Gaborone , Botswana.

UJOE SEMU lityendyana eline-19 leminyaka elizingela umhlobo ngembalelwano ingakumbi amagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-16 nama-20. Uthanda ukudlala ibhola ekhatywayo, ukuya enkonzweni, ukupha izipho, ukufunda, ukubukela iividiyo nokuphulaphula umculo, Khanimbhalele ngesiNgesi. Idilesi yakhe ithi PO Box 90083, Blantyre 9, Malawi.

UPATRICK MOTAUNG unama-37 eminyaka ethanda ukubhalelwa ngamagqiyazana aneminyaka ephakathi kwe-18 nama-35. Unomdla wokubhala, ukufunda, imiba nje eqhelekileyo, umculo nokukhenketha. Abaselayo nabatshayayo bangazikhathazl ngokuphendula. Abhaleleni ngesiNgesi  isiBhulu, isiSuthu, isiXhosa okanye isiZulu. Idilesi yakhe ithi: PO Box 3597, Braamfontein , 201 7, Johannesburg .






UHAZEL Mtshizana waseMonti uthanda ukufunda ikhosi yeinformation systems okanye eyebanking . Akugqiba unqwenela ukusebenza kwiikhompyutha .
-
UBeatrice Dlamini waseMessina uthanda ukwenza ikhosi zekhompyutha , uqinisekile ukuba iza kumnceda kwiphulo loluntu asebenza kulo.

UVICTORIA Letsosa waseLusuthu ngoku wenza ikhosi yebusiness studies . Akugqiba le khosi , ufuna ukwenza ikhosi yesales management , aze ke asebenze kweyona nkampani inkulu.

IMITHETHO:
1. Nabani na unokulungenela olu khuphiswano
ngaphandle kwabasebenzi namalungu eentsapho zabo bakwaLemon Lite , abakwaBona, abakwaIntec College neenkampani ezibhengeza iimveliso zabo. 2. Ikhuphoni nganye yengenelo mayiphelekwe yincwadi echaza isifundo osikhethileyo, ifoto yakho ebonisa amagxa nentloko osandul'ukuyifota . Ingenelo olizalisileyo lithumele kunye nezi zinto. 3. Abafikelele kumanqam mabakulungele ukuya eJohannesburg apho kuya kwenziwa isigqibo sokugqibela. 4. Amangenelo askretshiweyo akasayi kwamkelwa. 5. Umhla wokuvalwa kwamangenelo ngowama-31 kuAgasti 1996. Amabhaso anjengokuba echaziwe, akanakuntshintshwa abe yimali . 7. Abaphumeleleyo kufuneka baqalise izifundo zabo ungekafiki umhla wama-31 kuJulayi 1997. 8. Abakwa Intec College nabaququzeleli bolu khuphiswano abasayi kubekwa ityala ngendlela abangene ukhuphiswano abazipasa ngayo zilundo zabo. 9. Abaphumelelayo kufanele bazipase izifundo zabo.


ILEMON LITE VANISHING CREAM
enelamuni engaxutywanga nanto ikwenza ube nolusu olunganyinyithekiyo yaye ikwenza uzive umhle, ubukeke umhle.
-
USibongile Mavundla waseMpangeni
ufuna ukwenza ikhosi yokuthunga
iimpahla aze azivulele elakhe ishishini
lokuthunga iilokhwe zokutshata.







NGABA SELE ULUNGENELE UKHUPHISWANO
OLUNOMDLA ILEMONLITE /BONA STAND OUT FROM
THE CROWD


Nanga amanye amawakawaka amangenelo esiwafumene kolu khuphiswano lunik' umdla. Ukuba akukalithumeli ingenelo lakho, khawuleza! Ixesha lisekho, umhla wokuvalwa kwamangenelo ngowama-31 kuAgasti , 1996. Khumbula ngenelo ngalinye kufuneka lithunyelwe nesisongelo esinombhalo weLEMON LITE , ifoto yakho yentloko namagxa, uze usibhalele incwadi emfutshane, usixelela ukuba ufuna ukufunda eyiphi ikhosi .
	Nenekazi ngalinye kwangama-25 Aqaqambileyo Esihlweleni liza kuzuza ikhosi ekhethwe lilo nexabisa i-R2 500.
	1-.10 labagqwesileyo liya kuntingiselwa eJohannesburg lize lihlale kweyona hotele yodumo.
	Abafikelele kumanqam baya kufumana itsheki ye-R3 000 yakwaLEMON Lite VANISHING CREAM .
	I-10 eligqwesileyo elingenele ukhuphiswano liza kudlan 'indlebe nabagwebi lize livele kwiEduspectrum .
	Ukuntinga ngenqwelo-moya, indawo yokuhlala, izithambiso, isibhadlalala setheko sangokuhlwa siya kuba sesasimahla sihlawulelwe ngabakwaLemon Lite ekuyiVanishing CREAM , ebaqondayo abaseTyhini Abaqaqambileyo Ngobuhle Esihlweleni.




IKHUPHONI YOKUNGENELA
Thumela ingenelo lakho apha:
STAND OUT FROM THE
CROWD COMPETITION , PO . BOX 32067, MOBENI 4060 LAMANGENELO MAKAFIKE
1KUTHI NGAPHAMBI KOMHLA WOKUVALA WAMA-31 KUAGASTI , 1996.
Gqibezela esi sivakalisi:
Amanenekazi asebenzisa
ILEMON Lite     esihlweleni.
Ngaba ILEMON Lite VANISHING
CREAM yenziwe ngeLamuni
yokwenene?
Impendulo               
Igama                   
Idilesi                   
ikhowudi       
inombolo yefowuni        









Ukhuphiswano Lwencwadi
Yabantwana

Sinikezela ngeencwadi ezingama-20 zencwadi kaIsobel Randall ethi Busisiwe's Bicycle . Ukuze uzifumanele ithuba lokuzuza enye yezi ncwadi, khawulezisa uthumele iifomu zokungenela!



UBUSISIWE'S BICYCLE yincwadi ebhalwe nguIsobel Randall eyazuza imbasa eyiWhite Ravan Award kwiThe International Youth Library eMunich iyenye kwezintandathu kungcelele lweMacmillan Children's Books . Ezi ncwadi zinamaqweqwe omeleleyo ahonjisiweyo kolu ngcelele zinamabali aseMzantsi-Afrika.

Libali elinempembelelo lentwazana ezinikele ekufezekiseni umnqweno wayo wokukhwela Ibhayisekile xa isiya esikolweni . UBusisiwe uziqokelelela imali kwaye ukhuthazwa ngumakhulu  notatomkhulu wakhe koko. Liba nomdla ngamandla eli bali xa uBusisiwe ekhetha ukuncamela usapho lwakhe okuthile ze ngalo ndlela kubonakale intsebenziswano  phakathi  kwezi  

             
Thumela ikhuphoni yakho
kwaBONA/ MACMILLAN
BOOK GIVE-AWAY
COMPETITION , PO . Box
32067, Mobeni, 4060.


Khetha ulwimi oluthandayo.

ENGLISH
SESOTHO
XHOSA
ZULU
                                                                                                                                                                                                
Gqibezela:

UBusisiwe's Bicycle yenye
yeenwadi ezintandathu
zongcelele
lwe.....Children's Books .

Igama:.........................................
Idilesi :........................................

.................................................
...................................................
Le ncwadi inemizobo emihle eyenziwe nguZacharia Sothoane waseGauteng ongumzobi onamava wezixhobo zokufunda zabantwana. Eli bali liguqulelwe nakwiilwimi eziliqela zabaNtsundu ziingcali zemfundo ukuze zifundise abantu iilwimi ezininzi.

Ungcelele lweMacmillan Children's BOOK luza kuba lulutho ubukhulu becala ebantwaneni abakhula umdla wokufunda, ebazalini abafuna ukubanceda, nakubafundi abangenzi didi lokuqala kulwimi lwesiNgesi.
AbakwaMacmillan bakhuthaza ukufunda ngeelwimi zabaNtsundu kwaye bakholelwa ekubeni olu ngcelele luza kukhuthaza ukufunda ngeelwimi ezahlukenyo.

Nangona ezi ncwadi zingekafumaneki kwiivenkile zeencwadi okwangoku zinokuodwa kuzo.
Sinikezela ngeencwadi eziNTLANU kulwimi ngalunyo - isiNgesi, isiSuthu, isiXhosa nesiZulu. Xa ungenela olu khuphiswano, zalisa ifomu uyithumele ngaphambi komhla wama-27 kuSeptemba , 1996.

